






BONA XHOSA - June 1 995 1 9


ABANTWANA ABANCINCI
Ungumzali, ungumakhulu, okanye ungumgcini wabantwana? Funda eli candelo
labantwana abancinci ufumane amacebo okwenza ukufunda kube luyolo kubantwana
obafundisayo.
Ukucula nokudanisa
Uqala ukufundiswa umntwana esandul'ukuzalwa yaye njengomzali ufanele ube phambili ekumfundiseni! Yonke imihla nguwe ophendula yonke imibuzo oyibuzwa ngabantwana.

Ukususela kule nyanga, uTyhila Ufunde uza kunika abazali amacebiso angendlela yokukhuthaza abantwana bafunde ngezinto ezonwabisayo! Umculo nokudanisa yenye indlela yokubafundisa!

Umxholo we-18:
UKUCULA


Abantwana abancinci Layathanda ukuphulaphula izandi nomculo owahlukeneyo. Bayakuthanda ukucula nokudanisa, ngoko njengomzali kufuneka ubenzise izinto eziquka ukuphulaphula umculo nokukwazi ukudanisela loo mculo.

Abantwana abaninzi bayonwatyiswa ngumculo! Ungabatyhafisi ngokubaxe-lela ukuba banamazwi amabi! Bayeke bakulinge ukucula nokudanisa. Basenokuba benza ingxolo kodwa baya kuzuza lukhulu ngaloo nto. Ngaphandle kokuba kubonwabisa oko, abantwana bakho baya kufunda ezi zinto zilandelayo:

 Indiela yokuphulaphula nokuthelekisa izandi ezahlukeneyo;

 Ukuzithemba xa bethetha. Abantwana abancinci bawafunda
emculweni nakwizingqisho amagama amatsha;

 baya kufunda nokukhumbula;

bakwazi nokuziqambela owabo umculo.

Ukuqala ukuva umculo
Abazali badla ngokungazi ukuba abantwana babo baqala nini ukuva umculo. Babaqaphela xa bebeva bephinda izingqisho zomculo okanye beshukumisa imizimba yabo xa kukhala ingoma!

Abantwana baqala bebancinane ukuthanda umculo. Abazali kufuneka babafundise iindidi ezahlukeneyo zomculo abantwana. Ungabakhaliseli umculo othandwa nguwe abantwana! Khetha izingqisho, ukhalise iingoma ezihambisana naso yaye ubakhalisele nomculo othuthuzelayo Kungekudala uza kuluqonda uhlobo lomculo abawuthandayo.

Ngokuya bewuqhela umculo abantwana, baxelele ngezandi ezahlukeneyo engomeni. Ngaba kukhaliswa ikatala? Ngaba bayasiva isandi segubu? Zikho ezinye izandi ezahlukeneyo abazivayo?

Imidlalo yokuphulaphula
Ukwenza umntwana aqonde umahluko wezandi kunzima maxa wambi. Kodwa ikho imidlalo elula eninokuyidlala ukumfundisa indlela yokuphulaphula.








Ukudanisela isingqisho
Ngoku uya kuba sewufumene ukuba baninzi abantwana abawuthandayo umculo onesingqisho.

Uya kukuqaphela oko ngokuba abantwana baqhwabe izandla, bangqishe ngonyawo, okanye bamatshe bahambisane nengoma.

Nantsi ingoma engumzekelo eya kwenza abantwana bafunde amazwi eengoma. Oku kuya kwenza abantwana bafunde amagama amatsha yaye bazithembe.

Yicule kunye nabantwana le ngoma. Babonise ukuba izinto ezenziwayo kule ngoma zingena phi uze ubaxelele bakulinganise!
Bakuzifunda iingoma nezingqisho ezahlukeneyo abantwana bakho, kuya kubonwabisa ukubathengela ezabo izixhobo zomculo abanokudlala ngazo.


20 BONA XHOSA - June 1995


ABANTWANA ABANCINCI

Umdlalo 1
Lo ngumdlalo omnandi onokudlalwa nomtwana omnye okanye iqela labantwana. Babize abantwana, ubaxelele bacimele. Krazula iphepha, ubethe ibhola phantsi, uvule unomathotholo yaye wenze nezinye izinto ezinezandi ezahlukeneyo. Mphe into umntwana wokuqala osichanileyo isandi sento!

Wenze ube nzima lo mdlalo ngokuya
abantwana befunda ukwahlukanisa izandi!




BONAXHOSA-June 1995 21


ABANTWANA ABANCINCI


Nazi ezinye izixhobo onokuzenza usebenzisa izinto ezisendlwini.

Kulula ukwenza esi sixhobo somculo Kufuneka ube ne emele endala, inkonkxa okanye imbiza. Enye yezi zinto inokuba ligiubu. Isinti okanye icephe lokhuni linokuba yintonga yokubetha igubu.

IZIHLOKOMISI

Ungazilahli iinkonkxa neebhotile. Unokufaka amatye, iimbotyi okanye amaqhotsha ngaphakathi ukuze zibe zizihlokomisi. Kulula ukudla ngazo yaye zikhuselekile xa uyivalile inkonkxa. Yithi abantwana bakho bazidlalise ngokwesingqisho esithile.

Iibhotile ezikhalayo:

Ezi bhotile zinokufundisa umntwana wakho umahluko phakathi kwesandi esiphezulu nesiphantsi. Nantsi indlela ozenza ngayo:

Thatha iibhotile ezimbini ezifanayo ezinganto

 Galela amanzi amaninzi kwenye ibhotile .

 Galela amanzi amancinane kwenye ibhotile

 Ngoku betha ezi bhotile ngefolokhwe okanye icephe

ITAMBOURINE
Xa uyenza kuza kufuneka:
 Iipleyiti ezimbini eziqinileyo zekhadibhodi, iziciko zeebhotile nomsonto.

 Yenza imingxuma kwipleyiti

 Bopha iipleyiti uzidibanise ngomsonto

 Yenza imingxuma kwiziciko zeebhotile

 Bopha iziciko ezibini okanye ezithathu emngxunyeni ngamnye okwipleyiti.
Nikonwabele ukudlala le midlalo! Sibhaleleni nisixelele ukuba abantwana benu banento abayifundileyo na kwezi zinto.

Siyafuna ukwazi ukuba iyaninceda na imidlalo enjengale!
Buza abantwana bakho ukuba bayaziva na izandi ezahlukeneyo.

Xa bebaninzi abantwana, unokuzalisa amanzi kwiibhotile ezininzi. Ukhumbule ukugalela amanzi angalinganiyo ezibhotileni.





22 BONA XHOSA-JUNE 1995
ABANTWANA!	_______


Unokwenza ntoni ngezinto ezimdaka?
Jonga uMzantsi Afrika wethu omtsha othandekayo. Bongi, ububugxwayiba yinkunkuma
Sinokwenza ntoni ukuze ube mhle yaye ube mtsha?

Mna ndinalo icebo Kungani singaqokeli zonke izinto ezimdaka size senze okuthile ngazo? Ngaloo ndlela sinokunceda ekucoceni indawo yethu ngeWorld Environrnent Day - ngomhla wesi-5 kujuni!


Unokwenza ntoni ngezi zinto zimdaka? Qhubeka ufunde ukuze ufumane onokukwenza!

Yenza intambo yeplastikhi!

Thatha iingxowa ezi-3 zeplastikhi uzicoce. Zisike emacaleni, ungawusiki umphantsi wazo. Thatha ingxowa nganye wenze ngayo intambo eqinileyo.

Ngokudibanisa iingxowa ezininzi zeplastikhi uya kwenza intambo ende neqinileyo. Xa sewunentambo ende unokwenza ngayo ukhuko lweplastikhi.

Zama ukuqokelela iiplastikhi enimibala-bala xa usenza ukhuko! Cinga ngezinye izinto onokuzenza ngentambo yakho yeplastikhi! Unokubhalela kuTyhila Ufunde usinike amacebo ezinye izinto onokuzenza ngentambo yeplastikhi emzobeni.

Yenza isitiya sebholile!

* ibhotile yesiselo eyi-2


* izityalo ezimbalwa. Cela umntu omaziyo akukhelele isityalo ezincinane, okanye ingca encinane. Ulumkele ukuqhawula iingcambu xa usikha isityalo emhlabeni.

Naku omawukwenze:

Khupha indawo engaphantsi emnyama ebhotileni yesiselo. Yigalele umhlaba. Tyala isityalo esincinane kuloo mhlaba. Sinkcenkceshele
kancinane ngamanzi isityalo. Ngoku sika umntla webhotile njengokuba ubonisiwe


BONA XHOSA - June 1995 23


ABANTWANA!



Yenza itreyi okanye ipleyiti entle!

Fumana iipleyiti okanye iitreyi ezindala zeplastikhi, nezinjengezidla ngokulahlwa ngabantu xa bebesitya ibhega okanye inyama yenkuku. Zicoce.

Ngoku uza kwenza ipaper mache. Oku kukuncamathisela oomaleko bamaphepha-ndaba ujikeleze into ukuze yomelele. Xa usenza ipaper mache, kufuneka ube neglu namaphepha-ndaba amadala.

Unokuyenza iglu ngeflawa namanzi. Qinisekisa ukuba iflawa namanzi zenza intlama eqinileyo. Ngoku fumana amaphepha-ndaba amadala uze uwancamathisele kwitreyi yakho ngentlama.

Wakuncamathisela oomaleko abane bephepha-ndaba kwitreyi yakho, sika iifoto ezintle uzincamathisele ngaphezulu kwitreyi.

Xa ufuna ipleyiti okanye itreyi yakho ihlale ixesha elide, yipeyinte ngevanisha. Iipleyiti neetreyi 
zizipho ezihle onokuzipha abahlobo okanye usapho lwakowenu.

Thumelani awenu amacebo okwenza izinto ezintle ngezinto eziyinkunkuma! Icebo eligqwesileyo liya kuzuza ibhaso!

Bhala okanye uthumele umfanekiso kuTyhila Ufunde, Box 2925, Durban, 4000 ngaphambi komhla wama-30 kujuni 1995.
Yogquma isityalo sakho ngebhotile. Ukhumbule ukuyibeka kwindawo enelanga ibhotile yakho enesityalo, kube kwindawo engenakuwa kuyo.

Akukho mfuneko yokuba usinkcenkceshele kwakhona isityalo kuba amanzi owagalele ekuqaleni aza kutsalwa ziingcambu aye emagqabini. Aya kuqokelelana emacaleni ebhotile enze amathontsi aya kuphinda awele emhiabeni awenze ufume.

	lphepha lesi sihlomelo lebakwaMondi Paper

